- Title
- Uhlalutyo ngokwesithako sobunzululwazi nkcubeko-ntlalo yaseAfrika kwinoveli yesiXhosa: Inkululeko isentabeni
- Title
- Towards an African socio-cultural critical review of an isiXhosa novel: Inkululeko isentabeni
- Creator
- Bali, Nolundi Monica
- Subject
- Xhosa literature -- History and criticism
- Date Issued
- 2016
- Date
- 2016
- Type
- Thesis
- Type
- Masters
- Type
- MA
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10948/9077
- Identifier
- vital:26462
- Description
- Kule ngxoxo kuqwalaswele indlela amasiko nezithethe asetyenziswe ngayo kwincwadi kaSaule, ethi, Inkululeko isentabeni. Le ngxoxo ijolise ekuncomeni indlela lo kaSaule awasebenzise ngayo amasiko kunye nezithethe zakwaNtu ukwakha isizwe esimnyama. Konke oku kudandalazisa ukubaluleka kokusetyenziswa kwawo ukwakha isizwe. Injongo yolu phando kukuphendla indlela umtshato, isithembu, ulwaluko, imbeleko, intonjane, ukufa, ukukhapha, ukubuyisa nokungenwa ezaziqhutywa ngayo nezizathu zoko. Le ngxoxo iza kuphonononga ixhaswe ngezithako eziziimbono zeengcali zohlalutyo kwintlalo kaNtu. Ingxoxo le yahlulwe yazizahluko ezintandathu. Isahluko sokuqala sivula ngentshayelelo, ze sidandalazise intsusamabandla yolu phando, kushukuxwe imbangeli yophando, ze kwenziwe uphengululo lweencwadi zeengcali kwisithako sobuNzululwazi Nkcubeko-Ntlalo. Isahluko sesibini, siqwalasela ukuxabiseka kolwendo ngokwengcinga yesiNtu kwincwadi kaSaule. Indlela isiko lokuthwala lalisenziwa ngalo mandulo xa kuthelekiswa kweyangoku, nemiceli-mngeni elijamelene nalo eli siko. Isahluko sesithathu, sijongene nesithembu, iimeko ezazinyanzelisa ukuthathwa komfazi wesibini nangaphezulu nemiceli-mngeni ekhoyo kwesi sithethe. Isahluko sesine, singolwaluko ngemihla yamandulo size sithelekiswe nale mihla siphila kuyo. Iingxaki ezikhoyo kweli siko ezibangelwa kukungakhathali kwengcibi, namakhankatha. Esesihlanu, isahluko singamasiko nezithethe, iindlela ezazisaya kusetyenziswa mandulo kuthelekiswa nezeli xesha lokhanyo ekwenzeni la masiko nezi zithethe. Isahluko sesithandathu, sesokuphetha, siyintyilazwi yeengxoxo ezikolu hlalutyo, kuxilongwa ubuzaza besithako sobunzululwazi nkcubeko-ntlalo.
- Format
- viii, 227 leaves
- Format
- Publisher
- Nelson Mandela Metropolitan University
- Publisher
- Faculty of Arts
- Language
- Xhosa
- Rights
- Nelson Mandela Metropolitan University
- Hits: 5009
- Visitors: 5068
- Downloads: 323
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | Uhlalutyo ngokwesithako sobunzululwazi nkcubeko-ntlalo yaseAfrika kwinoveli yesiXhosa: Inkululeko isentabeni | 773 KB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |