Uhlalutyo-nzulu kusetyenziso lolwimi kwiincwadi ezikhethiweyo
- Mnwana-Qutywa, Noluyolo Beatrice
- Authors: Mnwana-Qutywa, Noluyolo Beatrice
- Date: 2019
- Subjects: Xhosa language -- Grammar , Xhosa language -- Research Linguistic analysis (Linguistics) Computational linguistics
- Language: Isixhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/41986 , vital:36615
- Description: Olu phando lujolise ekubetheleleni ingcamango yokuba ulwazi lwegrama yolwimi nobunjojeli kulwimi ngokubanzi kubalulekile kakhulu ekuphuculeni isakhono sokuthetha ulwimi ngokukuko nokulubhala ngokusemgangathweni. Kukho ingxaki nesihlava esiye sisendela sokungasetyenziswa ngokukuko kolwimi nkqu nangababhali boncwadi, nto leyo edala inkxalabo kuba ukuphela nokuphanza kolwimi kukuphela kwesizwe. Xa kuthethwa ngetekisi kuthethwa ngentsingiselo yayo, ntsingiselo leyo idula ngokuhlalutywa, kunikwe ingqwalasela emandla kwiintsingiselo eziziswa ngamagama ngokwendlela asetyenziswe ngayo. Kuyinto eyaziwayo ukuba igama, alaneli nje ukunika intsingiselo njengoko lisetyenzisiwe entethweni koko nendawo elimi kuyo ngokokuma kwamagama kwintetho okanye kwisivakalisi kunegalelo elinzulu ekuphuhliseni oko kujoliswe kuko ngokwentetho leyo, nokuba iyintetho yomlomo okanye ebhaliweyo. Xa kuchazwa ubuni bolwimi njengesixhobo sonxibelelwano ayinakusingelwa phantsi injongo yokusetyenziswa kwalo. Yiva xa ezi ngcali zigalela ngelithi: “Language offers a window into cognitive function, providing insights into the nature, structure and organisation of thoughts and ideas”. Ngokwalo mhlomlo wezi ngcali ungentla kucaca cace ukubaluleka kolwimi njengesixhobo sokunxibelelana nokusingqongileyo kanti nokuvakalisa iingcamango nezimvo. Ikakhulu ababhali xa bebhala iincwadi zabo kusoloko kukho udaba abanqwenela ukwabelana ngalo nabanye abantu. Olo nxibelelwano luphuhliseka ngakumbi xa ubani enolwazi olunzulu lolwimi. Kolu phando, kuza kuqanyelwa ngesiThako sobuNzululwazi beNgxoxo-Buciko (Critical Discourse Analysis) kuba sona sibethelela ukuhlalutywa kucubungulwe indlela ulwimi olusetyenziswe ngayo kwiitekisi ezibhaliweyo kanti nakwintetho yomlomo, kwaye sikwaphanda nzulu ngeenjongo zokusetyenziswa kolwimi.
- Full Text:
- Date Issued: 2019

Ungenelelwano leelwimi zaseafrika isixhosa nesishona kujoliswe kwifonoloji yamaqabane nezikhamiso
- Authors: Nenga, Thethelwa Maureen
- Date: 2019
- Subjects: Xhosa language -- Grammar , Shona language -- Grammar African languages -- Africa African languages -- Africa, Southern
- Language: Isixhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/45216 , vital:38333
- Description: Lo msebenzi uza kusebenza njengelinge lokuvumbulula kuhlahlelwa iimbonakalo ezithi ziphuhliswe ngabantu abathi benalo ulwimi olulolwabo lokuzalwa nolulolweenkobe, bathi banyanzelwe ziimeko zeentshukumo ezithile zentlalo bazibhaqe befunda ukuthetha nokubhala ulwimi lwabanye abantu. Kuye ke kuthi kwimigudu yabo yokuphimisela izandi kubekho ubunzima kuphimiselo lwezandi ezithile zolu lwimi bajolise ukulufunda nokulazi. Ulwimi lwabo luthi ludlale indima ephambili kuphimiselo lwezandi zolu lwimi lutsha bajolise ukulufunda nokulazi, (Lado 1957:77) kananjalo kuphawuleka ukuba kukho ukunxaxha okuthile kubizo nakubhalo lwezandi ezithile kulwimi abajolise ukulazi. Le ngcingane yokunxaxha kolwimi ethatyathwa njengenyaniso engekaqinisekiswa nethe yaveliswa ngabantu abathi benalo ulwimi olulolwabo kwiinzame zabo zokuthetha nokubhala ulwimi lwabanye abantu, iye yayimbangi nesizekabani sokuba kube kuthatyathwa uhambo olude lophando ziingcali zabaphandi beelwimi. Mandulo phaya oku kunxaxha kulwimi kwakubonwa njengesenzo esilisikizi nomqobo kwiinkqubo zokufunda ulwimi. Kuthe ngenxa yokuhamba kwamaxesha oosozilwimi baphawula ukuba oku kunxaxha makungathatyathwa njengeziphoso ezifuna ukulungiswa koko makuthatyathwe njengenyathelo lolwimi eliqhelekileyo nelingenakuthintelwa. Ngokweengcali zeelwimi kukholeleka ukuba oku kunxaxha kububungqina besixokelelwano solwimi esibalulekileyo kwiinkqubo zokufunda ulwimi. Kungoko kubalulekile ukuba kugqogqwe kucutyungulwe iincwadi zezi ngqwemla zilandelayo, uCoder (1967), uSelinker (1972), uTarone (1979), uNemser (1971), uChomsky (1965) kunye nezinye iingcali. Zezi ncwadi eziza kuphuhlisa ukunxaxha kolwimi okufuthelwa ziimeko ngeemeko njengoko ezi ngqwemla zicacisa. Ikwalolu phando oluza kushukuxa iinguqulelo-zandi ezithi zenzeke kubantu abantetho isisiShona xa bezama ukuthetha ulwimi lwesiXhosa ngokwefonoliji nethi yona ijongane neendlela ezithi izandi zifuthelane ngayo.

Uphicotho nzulu lobunzululwazi bolwimi olusetyenziswa kwimiyalezo emifutshane yesiXhosa sisini esahlukeneyo
- Authors: Gwavu-Peter, Yoliswa Ruby
- Date: 2019
- Subjects: Xhosa language -- Grammar , Applied linguistics , Sociolinguistics , Linguistic change -- Social aspects
- Language: Isixhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/39653 , vital:35343
- Description: Olu phando luza kuthi lubeke umnwe kwindlela ulwimi negrama ezithi zisetyenziswe ngayo kumakhasi onxibelelwano zizini ezahlukileyo. Imiyalezo emifutshane iye yathatha unyawo kule mihla sikuyo. Ukanti kukho nokugxekwa kwayo ngenxa yokuba inempembelelo kuphanzo lolwimi. Olunye uphando olwenziweyo luyaphikisana nale mbono njengokuba lungqina ukuba itextism* ayonakalisi lwazi lwamntu kulwimi. Umahluko ophawulekayo kwimiyalezo ethunyelwa ngamadoda nabafazi awukabonakali uphandiwe esiXhoseni, nto leyo ethe yakhuthaza umphandi ukuba akhe avule indlela. Olu phando lujolise ekuphononongeni igrama yesiXhosa kwimiyalezo emifutshane ethunyelwa zizini ezahlukeneyo. Abathathi nxaxheba kolu phando bayikhethe ngokwabo imiyalezo eza kuthi isetyenziswe kolu phando. Uhlalutyo luza kuthi lujonge ikhophasi engangemiyalezo elikhulu linamashumi mahlanu (150) ethunyelwe ngabathathi nxaxheba abangamashumi amahlanu anesihlanu (55), amadoda angamashumi amabini anesihlanu (25) kunye namabhinqa angamashumi amathathu (30). Abantu abanikezele ngemiyalezo baza kunikwa uxwebhu oluchaza ngeenjongo zolu phando nesizathu sokusebenzisa imiyalezo emifutshane njengomsimelelo wolu phando. Kuza kufuneka batyikitye noxwebhu lwesivumelwano. Yonke le miyalezo ivela kubantu abathetha isiXhosa njengolwimi lwasekhaya. Iminyaka yabantu abanikele ngemiyalezo yabo ngokukhululekileyo iphakathi kwama-25 kunye nama-48. Isizathu sokuba amabhinqa ibe ngawona maninzi anikezele ngemiyalezo kunamadoda sesokuba amadoda ebemadolwa-nzima ukunikezela ngemiyalezo yawo kunamabhinqa. Injongo ibikukufumana amanani alinganayo kwisini ngasinye. Olu phando luza kuthi luthathe indlela yentyila-lwazi njengoko kuza kuthi kuhlalutywe, kucakacwe kuchazwe le miyalezo ikhethelwe uphando. Umphandi uza kuthi asebenzise ingcingane yobunzululwazi yolwimi yoluntu (sociolinguistics*) njengengundoqo kolu phando ze ezinye iingcingane ezifana nefonoloji, isintaksi kunye netextism zisetyenziswe ukuxhasa le ingundoqo.

- «
- ‹
- 1
- ›
- »